Iindumiso
133:1 Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale ndawonye
kubunye!
133:2 Kunjengeoli elungileyo entloko, Isihla phezu kwentloko yayo
iindevu, kwaneendevu zika-Aron, ezihla ziye emqukumbelweni weengubo zakhe;
133:3 Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba
eZiyon: ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, ubomi
ngonaphakade.