Iindumiso 126:1 Ekubabuyiseni kukaYehova ukuthinjwa kweZiyon, saba njengabo phupha. 126:2 Waza wazala kukuhleka umlomo wethu, Lwazala kukumemelela ulwimi lwethu. bathi ezintlangeni, UYehova wenzele izinto ezinkulu bona. 126:3 UYehova usenzele izinto ezinkulu; esivuya ke. 126:4 Buyisa ukuthinjwa kwethu, Yehova, njengemilambo yelasezantsi. 126:5 Abahlwayela ngeenyembezi baya kuvuna ngovuyo. 126:6 Ophuma ahambe elila, ethwele imbewu enqabileyo, uya kukhabazeka abuye evuya, esiphathe izithungu zakhe.