Iindumiso
126:1 Ekubabuyiseni kukaYehova ukuthinjwa kweZiyon, saba njengabo
phupha.
126:2 Waza wazala kukuhleka umlomo wethu, Lwazala kukumemelela ulwimi lwethu.
bathi ezintlangeni, UYehova wenzele izinto ezinkulu
bona.
126:3 UYehova usenzele izinto ezinkulu; esivuya ke.
126:4 Buyisa ukuthinjwa kwethu, Yehova, njengemilambo yelasezantsi.
126:5 Abahlwayela ngeenyembezi baya kuvuna ngovuyo.
126:6 Ophuma ahambe elila, ethwele imbewu enqabileyo, uya kukhabazeka
abuye evuya, esiphathe izithungu zakhe.