Iindumiso
121:1 Ndiwaphakamisela ezintabeni amehlo am, luya kuvela phi na uncedo lwam?
121:2 Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.
121:3 Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha alunikele umgcini wakho
ukulala.
121:4 Yabona, akozeli, akalali, Umgcini kaSirayeli.
121:5 UYehova ngumgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho.
121:6 Ilanga aliyi kukubetha emini, nenyanga ebusuku.
121:7 UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho.
121:8 UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, kuse ngoku
kude kuse ephakadeni.