Iindumiso 121:1 Ndiwaphakamisela ezintabeni amehlo am, luya kuvela phi na uncedo lwam? 121:2 Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi. 121:3 Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha alunikele umgcini wakho ukulala. 121:4 Yabona, akozeli, akalali, Umgcini kaSirayeli. 121:5 UYehova ngumgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho. 121:6 Ilanga aliyi kukubetha emini, nenyanga ebusuku. 121:7 UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho. 121:8 UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, kuse ngoku kude kuse ephakadeni.