Iindumiso 116:1 Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam. 116:2 Ngokuba endithobele indlebe yakhe, ndiya kumnqula ngalo lonke ixesha ndisaphila. 116:3 Izintya zokufa zandijikela, Iingxingongo zelabafileyo zandifumana. me: ndifumene ingxaki nosizi. 116:4 Ndanqula ke igama likaYehova; Yehova, ndiyakukhunga, khawuhlangule; umoya wam. 116:5 UYehova unobabalo, ulilungisa; ewe, uThixo wethu unenceba. 116:6 Ngumgcini wabazizidenge uYehova; Ndandiswele, wandinceda. 116:7 Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam; ngokuba uYehova wenze ngesisa nawe. 116:8 Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, namehlo am iinyawo ekuweni. 116:9 Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Ezweni labaphilileyo. 116:10 Ndakholwa, ngenxa yoko ndathetha, Ndacinezeleka kakhulu; 116:11 Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam, Bonke abantu ngamaxoki; 116:12 Ndingambuyisela ngantoni na uYehova Konke ukundiphatha kwakhe kakuhle? 116:13 Ndophakamisa indebe yosindiso, Ndinqule igama likaYehova. 116:14 Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke ngoku. 116:15 Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwabakhe benceba. 116:16 Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho; Ndingumkhonzi wakho, unyana wakho Uwakhulule amakhamandela am. 116:17 Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo, Ndinqule igama likaYehova. 116:18 Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Ngoku phambi kwabantu bakhe bonke; 116:19 Ezintendelezweni zendlu kaYehova, Esazulwini sakho, Yerusalem. Dumisani uYehova.