Iindumiso
116:1 Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.
116:2 Ngokuba endithobele indlebe yakhe, ndiya kumnqula
ngalo lonke ixesha ndisaphila.
116:3 Izintya zokufa zandijikela, Iingxingongo zelabafileyo zandifumana.
me: ndifumene ingxaki nosizi.
116:4 Ndanqula ke igama likaYehova; Yehova, ndiyakukhunga, khawuhlangule;
umoya wam.
116:5 UYehova unobabalo, ulilungisa; ewe, uThixo wethu unenceba.
116:6 Ngumgcini wabazizidenge uYehova; Ndandiswele, wandinceda.
116:7 Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam; ngokuba uYehova wenze ngesisa
nawe.
116:8 Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, namehlo am
iinyawo ekuweni.
116:9 Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Ezweni labaphilileyo.
116:10 Ndakholwa, ngenxa yoko ndathetha, Ndacinezeleka kakhulu;
116:11 Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam, Bonke abantu ngamaxoki;
116:12 Ndingambuyisela ngantoni na uYehova Konke ukundiphatha kwakhe kakuhle?
116:13 Ndophakamisa indebe yosindiso, Ndinqule igama likaYehova.
116:14 Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke ngoku.
116:15 Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwabakhe benceba.
116:16 Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho; Ndingumkhonzi wakho, unyana wakho
Uwakhulule amakhamandela am.
116:17 Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo, Ndinqule
igama likaYehova.
116:18 Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Ngoku phambi kwabantu bakhe bonke;
116:19 Ezintendelezweni zendlu kaYehova, Esazulwini sakho, Yerusalem.
Dumisani uYehova.