Iindumiso
108:1 Izimasekile intliziyo yam, Thixo; Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi, kwanomphefumlo wam
uzuko.
108:2 Vuka, mrhubhe nohadi; Ndiya kuvuka kusasa.
108:3 Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova, Ndibethe uhadi
kuwe phakathi kweentlanga.
108:4 Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho, Nenyaniso yakho ifikelela esiphelweni
amafu.
108:5 Ziphakamise ngaphezu kwezulu, Thixo, Bungaphezu kwezulu lonke uzuko lwakho
umhlaba;
108:6 Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, uphendule
mna.
108:7 UThixo uthethe engcwele; Ndiya kuvuya, ndimahlule uShekem;
uyilinganisele intlambo yaseSukoti.
108:8 Ngowam uGiliyadi; ngowam uManase; Kananjalo uEfrayim uligwiba lam
intloko UYuda ngummisimthetho wam;
108:9 UMowabhi sisitya sam sokuhlambela; Ndiya kuyiphosa kuEdom imbadada yam; phezu kweFilisti
ndiya koyisa.
108:10 Ngubani na owondisa emzini onqatyisiweyo? Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?
108:11 Asinguwe na, Thixo, lo usihlambileyo? Ke wena, Thixo, akuhambi na
siphume kunye nababuki zindwendwe bethu?
108:12 Sincede embandezelweni; Alunto yanto usindiso lomntu.
108:13 NgoThixo siya kweyisa, Ngokuba uya kugqusha yena
iintshaba zethu.