Iindumiso 93:1 UYehova ngukumkani, wambathe ubungangamela; uYehova wambathisiwe amandla, athe wabhinqa ngawo, likwanjalo ihlabathi Izinzile, ayinakushukunyiswa. 93:2 Izinzile itrone yakho kwaphakade, Wena ukho kwasephakadeni. 93:3 Imilambo iphakamisile, Yehova, Imilambo iphakamisile ilizwi; Imilambo iwaphakamisa amaza ayo. 93:4 UYehova unamandla ngaphezu kwesandi samanzi amaninzi, ewe, noko Amaza amakhulu olwandle. 93:5 Zinyanisekile kunene izingqiniso zakho, Ubungcwele buyifanele indlu yakho, Yehova; ngonaphakade.