Iindumiso 87:1 Iziseko zakhe zisezintabeni ezingcwele. 87:2 Amasango eZiyon uYehova uwathanda Ngaphezu kweminquba yonke yakwaYakobi. 87:3 Kuthethwa iinto ezizukileyo ngawe, Mzi kaThixo. Selah. 87:4 URahabhi neBhabheli ndiya kubakhankanya kwabandaziyo; yabonani iFilisti, neTire, neKushi; Le ndoda izalelwe khona. 87:5 Ngokusingisele kwiZiyon, kuya kuthiwa, Lo, nalaa mfo wazalelwa kuyo; Osenyangweni uya kuyizinzisa. 87:6 UYehova uya kubala, ekubabhaleni kwakhe abantu, ukuba ukho lo mntu wazalelwa khona. Selah. 87:7 Ziya kuba lapho iimvumi, ngokunjalo nababetha uhadi; Imithombo ikuwe.