Iindumiso
87:1 Iziseko zakhe zisezintabeni ezingcwele.
87:2 Amasango eZiyon uYehova uwathanda Ngaphezu kweminquba yonke yakwaYakobi.
87:3 Kuthethwa iinto ezizukileyo ngawe, Mzi kaThixo. Selah.
87:4 URahabhi neBhabheli ndiya kubakhankanya kwabandaziyo; yabonani
iFilisti, neTire, neKushi; Le ndoda izalelwe khona.
87:5 Ngokusingisele kwiZiyon, kuya kuthiwa, Lo, nalaa mfo wazalelwa kuyo;
Osenyangweni uya kuyizinzisa.
87:6 UYehova uya kubala, ekubabhaleni kwakhe abantu, ukuba ukho lo mntu
wazalelwa khona. Selah.
87:7 Ziya kuba lapho iimvumi, ngokunjalo nababetha uhadi;
Imithombo ikuwe.