Iindumiso
82:1 UThixo umi ebandleni lamagorha; nguye ogwebayo phakathi kwabangcwele
oothixo.
82:2 Kunini na nigweba ngobugqwetha, Nibanonelela abangendawo?
Selah.
82:3 Ligwebe ityala olihlwempu nenkedama;
82:4 Hlangulani usizana nehlwempu, Bakhulule esandleni songendawo.
82:5 Abazi nto, bengaqondi; bahamba ebumnyameni.
zonke iziseko zehlabathi ziguge.
82:6 Ndithe mna, Ningoothixo; yaye nonke ningoonyana bOsenyangweni.
82:7 Ke niya kufa ngokwabantu, niwe njengomnye wabathetheli.
82:8 Khawusuk’ ume, Thixo, gweba ehlabathini; Ngokuba uya kuzidla ilifa wena zonke iintlanga.