Iindumiso 82:1 UThixo umi ebandleni lamagorha; nguye ogwebayo phakathi kwabangcwele oothixo. 82:2 Kunini na nigweba ngobugqwetha, Nibanonelela abangendawo? Selah. 82:3 Ligwebe ityala olihlwempu nenkedama; 82:4 Hlangulani usizana nehlwempu, Bakhulule esandleni songendawo. 82:5 Abazi nto, bengaqondi; bahamba ebumnyameni. zonke iziseko zehlabathi ziguge. 82:6 Ndithe mna, Ningoothixo; yaye nonke ningoonyana bOsenyangweni. 82:7 Ke niya kufa ngokwabantu, niwe njengomnye wabathetheli. 82:8 Khawusuk’ ume, Thixo, gweba ehlabathini; Ngokuba uya kuzidla ilifa wena zonke iintlanga.