Iindumiso 61:1 Kuve, Thixo, ukuzibika kwam; wubazele indlebe umthandazo wam. 61:2 Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, xa intliziyo yam ithe Ndikhaphe ndiye eweni eliphezu kwam. 61:3 Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba. 61:4 Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphakade, Ndiya kuzimela ngesithende amaphiko akho. Selah. 61:5 Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam; Undinike ilifa abaloyikayo igama lakho. 61:6 Uya kongeza imihla emihleni yokumkani; Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana. 61:7 Uya kuhlala phambi koThixo ngonaphakade: Lungisa inceba nenyaniso, onokuba yiyo mgcine. 61:8 Ngoko ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, Ndisebenze imihla ngemihla izibhambathiso zam.