Iindumiso
14:1 Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakele, bona
balisikizi; Akukho wenza okulungileyo.
14:2 UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, ukuba abone
bekukho nabaqiqayo, abamquqelayo uThixo.
14:3 Bonke bemkile, bayimbozisa bonke bephela;
Akukho wenza okulungileyo, hayi, nokuba abe mnye.
14:4 Abanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga? abadla abantu bam njenge
badla isonka, abamnquli uYehova.
14:5 Apho bankwantya benkwantyile, Ngokuba uThixo usesizukulwaneni sakhe
ngamalungisa.
14:6 Icebo lesisweli nilidane, ngokuba uYehova ulihlathi lalo.
14:7 Akwaba bekuvela eZiyon usindiso lukaSirayeli! xa uYehova
uya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bakhe, agcobe uYakobi
uya kuvuya uSirayeli.