UMika 3:1 Ndathi, Khanive, zintloko zakwaYakobi, nani baphathi belizwe indlu kaSirayeli; Asikokwenu na ukwazi okusesikweni? 3:2 abathiyi bokulungileyo, bathande okubi; abaxhwila ulusu lwabo nabo, nenyama yabo emathanjeni abo; 3:3 nina, bayidlayo inyama yabantu bam, baluhluba ulusu lwabo; bawaphula amathambo abo, bawanqunqa njengeembiza, bawanqunqele phantsi njengenyama embizeni. 3:4 Baya kwandula bakhale kuYehova, angaphenduli; wabusithelisa ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko benze ngako zimbi ngezenzo zabo. 3:5 Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bam; abaluma ngamazinyo abo, badanduluka, bathi, Luxolo; nalowo ungafakiyo imilomo yabo zimenzela imfazwe. 3:6 Ngako oko kuya kuba bubusuku kuni, ningabi nambono; kwaye kuya kuba mnyama kuni, ukuba ningabavumi; nelanga liya kuba njalo yihla phezu kwabaprofeti, ibe mnyama imini kubo. 3:7 Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi; bonke bephela baya kuzigqubuthela iindevu; kuba akukho mpendulo kaThixo. 3:8 Ke mna ndizele ngamandla ngomoya kaYehova, nakumgwebo; nobugorha bokumxelela uYakobi ukreqo lwakhe, uSirayeli ukreqo lwakhe isono. 3:9 Khanive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi, nani baphathi bamazwe indlu kaSirayeli, ikruqulayo okusesikweni, igqwetha konke okuthe tye. 3:10 eyakha iZiyon ngamagazi, neYerusalem ngobugqwetha. 3:11 Iintloko zayo zigweba ngenxa yesicengo, nababingeleli bayo bayayala ngenxa nabaprofeti bayo baya kuvumisa ngenxa yemali, bayayama ngayo UYehova uthi, UYehova akakho na phakathi kwethu? akukho bubi unokusifikela. 3:12 Ngako oko, ngenxa yenu iya kulinywa iZiyon njengentsimi, neYerusalem iya kuba yimiwewe, intaba yendlu yona ibe yimimango ihlathi.