UYoshuwa 5:1 Kwathi, xa bonke ookumkani bama-Amori ababekuyo phesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababethe beseselwandle, beva ukuba uYehova wawomisa amanzi aseYordan sathabathela phambi koonyana bakaSirayeli, sada sawela; Yanyibilika intliziyo yabo, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kubo koonyana bakaSirayeli. 5:2 Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa, Zenzele iintshengece, uze okwesibini ukubalùsa oonyana bakaSirayeli. 5:3 Wazenzela ke uYoshuwa iintshengece, wabalusa oonyana bakaSirayeli endulini yenyama yokwaluswa. 5:4 Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse: bonke abantu ababethe wabalusa kwaphuma eYiputa, amadoda, onke amadoda okulwa, afa apho entlango ngasendleleni, ekuphumeni kwabo eYiputa. 5:5 Baye bolukile ke bonke abantu abo baphumayo; abazalelwe entlango ngasendleleni ekuphumeni kwabo eJiputa, bona babengabalukanga. 5:6 Ngokuba oonyana bakaSirayeli bahamba iminyaka emashumi mane entlango, de bonke abantu ababengamadoda okulwa, abaphume eYiputa batshabalala, ngokuba bengaliphulaphulanga ilizwi likaYehova; Wafunga uYehova ukuba akayi kubabonisa ilizwe elo abelifungele uYehova ukuba asinike ooyise, ilizwe elibaleka amasi kunye nobusi. 5:7 Oonyana babo, awabavelisayo esikhundleni sabo, nguYoshuwa bengalukile, ngokuba bengalukile, ngokuba bengalukanga wabalusa ke endleleni. 5:8 Kwathi, bakuba belukile, bakubalusa bonke abantu. bahlala ezindaweni zabo eminqubeni bada baphola. 5:9 Wathi uYehova kuYoshuwa, Ndiyiqengqile namhla ingcikivo yeJiputa isuke kuwe. Ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiGiligali kude kube namhla. 5:10 Bamisa iintente oonyana bakaSirayeli eGiligali, benza ipasika ngolweshumi elinesine enyangeni leyo, ngokuhlwa, ezinkqantosini zaseYeriko. 5:11 Badla iziveliso zelo zwe ngengomso ipasika, izonka ezingenagwele, namakhweba, kwangaloo mini. 5:12 Yaphela imana ngengomso, emva kokudla kwabo izikhwebu zomhlaba; ababa saba nemana oonyana bakaSirayeli; kodwa bona badla iziqhamo zelizwe lakwaKanan ngaloo mnyaka. 5:13 Kwathi, xa uYoshuwa wayeseYeriko, wayiphakamisa yakhe Wakhangela amehlo, wabona kumi indoda malunga naye Erhole ikrele lakhe esandleni sakhe; waya uYoshuwa kuye, wathi kuye wathi kuye, Ungakuthi, ungakwiintshaba zethu, kusini na? 5:14 Wathi, Hayi; ke ngoku ndingumthetheli womkhosi kaYehova. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe emhlabeni, waqubuda, wathi kuye Ithini na inkosi yam kumkhonzi wayo? 5:15 Wathi umthetheli womkhosi kaYehova kuYoshuwa, Khulula iimbadada zakho; ukusuka ezinyaweni zakho; kuba loo ndawo umi kuyo ingcwele. NoYoshuwa wenze njalo.