uYona 2:1 UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, 2:2 Wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula undivile; Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam. 2:3 Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle; kwaye i Yandirhawula imilambo, Amaza akho agugumayo adlule phezu kwam. 2:4 Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; ukanti ndiya kubuya ndibheke ngakulo kwitempile yakho engcwele. 2:5 Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Ingca yokhula yayithi jize intloko yam. 2:6 Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; umhlaba nemivalo yawo Wasuka wabunyusela ekonakaleni ubomi bam, Yehova Yehova Thixo wam. 2:7 Ekutyhafeni komphefumlo wam phakathi kwam, ndakhumbula uYehova, wafika umthandazo wam ungene kuwe, etempileni yakho engcwele. 2:8 Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo. 2:9 Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela; Ndiza oko ndikubhambathisileyo. Usindiso lolukaYehova. 2:10 UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona kowomileyo umhlaba.