UYohane 9:1 Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. 9:2 Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo mntu na? Abazali bakhe ukuba wazalwa eyimfama nje? 9:3 Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; imisebenzi kaThixo mayibonakaliswe kuye. 9:4 Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza xa kungekho mntu unako ukusebenza. 9:5 Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi. 9:6 Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka watshica, wathambisa amehlo emfama ngodaka. 9:7 Wathi kuyo, Hamba uye kuhlamba echibini leSilowa, elikufuphi. Waya ke, wahlamba, weza ukubona. 9:8 Ke ngoko abamelwane, nababembonile ngaphambili ukuba unguye Yathi imfama, Lo asinguye na obehleli engqiba? 9:9 Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye yena. 9:10 Bathi ngoko kuye, Atyhilwe nini na amehlo akho? 9:11 Waphendula ke yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, wathambisa Wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndahamba ndahlamba, ndabuya ndabona. 9:12 Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Wathi, Andazi. 9:13 Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama. 9:14 Ke kaloku kwakuyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wavula eyakhe amehlo. 9:15 Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Uthe ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; 9:16 Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba ungowakwaThixo akawugcini umhla wesabatha. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni? ukwenza imimangaliso enjalo? Kwabakho iyantlukwano phakathi kwabo. 9:17 Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye? Uwavule amehlo akho? Wathi, Ungumprofeti. 9:18 Akakholwa ke amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, nokuba ubeyimfama wabuya wabona, bada babiza abazali balowo ubenako wabuya wabona. 9:19 Ababuza esithi, Ngunyana wenu na lo, enithi kwazalwa nje? ukungaboni? Kutheni na ke ngoku ebona? 9:20 Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu; nokuba wazalwa eyimfama; 9:21 le nto ke abonayo ngoku asazi; nokuba ngubani na ovule eyakhe amehlo, thina asazi; Buzani kuye, woziphendulela. 9:22 Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; AmaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba umntu uthe wamvuma ukuba unguKristu, makakhutshwe esikhungwini. 9:23 Batsho ngoko abazali bakhe ukuthi, Uselemkhulu; buzani kuye. 9:24 Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Ndiphe Siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni. 9:25 Uphendule ke yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; into endiyaziyo kukuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona. 9:26 Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuyivula eyakho amehlo? 9:27 Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe na? 9:28 Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; kodwa thina Abafundi bakaMoses. 9:29 Siyazi thina, ukuba uthethile uThixo kuMoses; apho avela khona. 9:30 Waphendula umntu lowo wathi kubo, Kungani na apha ukuba ngummangaliso; ukuze ningazi apho avela khona, ukanti uwavulile amehlo am. 9:31 Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kaThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. 9:32 Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo omntu owazalwa eyimfama. 9:33 Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto. 9:34 Baphendula bathi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; uyasifundisa na? Bamkhuphela ngaphandle. 9:35 Weva uYesu ukuba amkhuphele phandle; Uthe ke akumfumana, wamfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo? 9:36 Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye? 9:37 Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; uthetha nawe. 9:38 Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye. 9:39 Wathi ke uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abo bathe baphila jonga ungaboni; bathi ababonayo babe ziimfama. 9:40 Bathe ke abathile bakubaFarisi ababenaye, baweva loo mazwi; bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? 9:41 Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; nithi, Siyabona; ngoko ke isono senu sihleli.