uIsaya
50:1 Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko?
ndilahle bani? nokuba nguwuphi na kubabolekisi bam endithengisa kuye?
wena? Yabonani, kuthengiswe ngani ngokwenu, nangenxa yobugwenxa benu;
Ugxothiwe unyoko.
50:2 Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndabiza, akwabakho
ukuphendula? Sifutshane kakhulu na isandla sam, ukuba singabi nantlawulelo? okanye ndinayo
akukho mandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, ndilwenze ulwandle
ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi;
uyafa kukunxanwa.
50:3 ndambesa izulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe lilo
isigqubuthelo.
50:4 INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndazi
ukuthetha kwelizwi ngexesha elililo kotyhafileyo, uvuka kusasa
kwakusasa uyayivusa indlebe yam, ukuba ive ngokwabafundileyo.
50:5 INkosi uYehova indivulile indlebe yam: ke mna andenza zinkani
wabuya umva.
50:6 Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli.
andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.
50:7 Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andiyi kudana.
ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi
yibani neentloni.
50:8 Usondele ondigwebelayo; ngubani na oya kubambana nam? masime
Sisonke: Ngubani na ummangaleli wam? makasondele kum.
50:9 Uyabona, iNkosi uYehova iya kundinceda; ngubani na oya kundigweba? Khangela,
Bonke baya konakala njengesambatho; linundu liya kubadla.
50:10 Ngubani na kuni omoyikayo uYehova, ophulaphula izwi lakhe?
umkhonzi ohamba ebumnyameni, abe kungekho kukhanya? makakholose ngaye
igama likaYehova, abambelele kuThixo wakhe.
50:11 Yabonani, nonke niphela, nina baphemba umlilo, baxhobe ngeenxa zonke
hambani niye elangatyeni lomlilo wenu, nasezintlantsini ezinomlilo eninazo
waphemba. Nale nto niya kuyifumana esandleni sam; niya kulala phantsi ninesijwili.