IGenesis 35:1 Wathi uThixo kuYakobi, Suka unyuke uye eBheteli, uhlale khona wenze khona apho isibingelelo kuThixo, owabonakala kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu umkhuluwa wakho. 35:2 Wathi uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Bekani basuseni izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nizihlambulule, nibe ke nina iimpahla: 35:3 sisuke, sinyuke siye eBheteli; ndenze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngemini yokubandezelwa kwam, waba nam phakathi indlela endiyihambileyo. 35:4 Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo. namajikazi abo onke abesezindlebeni zabo; uYakobi wazifihla phantsi komoki obungakwaShekem. 35:5 Banduluka; babarhawula, ababasukela oonyana bakaYakobi. 35:6 Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, yiBheteli ke leyo; yena nabo bonke abantu ababenaye. 35:7 Wakha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; Kulapho uThixo wabonakala khona kuye ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe. 35:8 Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, wangcwatyelwa phantsi kweBheteli Yathiywa igama layo yiAlonbhakuti. 35:9 UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuphumeni kwakhe ePadan-aram wamsikelela. 35:10 Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; uya kuba nguYakobi, igama lakho libe nguSirayeli; wamthiya ke igama lakhe Sirayeli. 35:11 Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. a uhlanga neqela lezizwe liya kuvela kuwe, nookumkani bafike esinqeni sakho; 35:12 Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena; ndiya kulinika imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo. 35:13 Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo. 35:14 UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isigubungelo intsika yamatye; wagalela phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela ioli phezu kwayo. 35:15 UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli. 35:16 Banduluka eBheteli; kwaye yayimncinane indlela yokuza e-Efrata. Wazala uRakeli, wazala nzima. 35:17 Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi Sathi kuye, Musa ukoyika; uya kuba naye lo nyana. 35:18 Kwathi, ekuphumeni komphefumlo wakhe, kuba wafa Wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin. 35:19 Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata, eyileloyi eBhetelehem. 35:20 UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli ke elo. engcwabeni unanamhla. 35:21 Wanduluka ke uSirayeli, waya wayitwabulula intente yakhe ngaphaya kweMigdoli-edere. 35:22 Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, wahamba uRubhen Walala noBhiliha, ishweshwe likayise, weva uSirayeli. Ngoku ke oonyana bakaYakobi baba lishumi elinababini; 35:23 Oonyana bakaLeya nguAsheri; uRubhen amazibulo kaYakobi, noSimon, noLevi, no uYuda, noIsakare, noZebhulon; 35:24 Oonyana bakaRakeli nguAsheri; uYosefu noBhenjamin; 35:25 Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli; uDan noNafetali; 35:26 Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya; uGadi noAshere: ngabo aba oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram. 35:27 UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha; eHebron, apho babengabaphambukeli uAbraham noIsake. 35:28 Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo. 35:29 UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo. eselekhulile, ehambisekile ebudaleni; bamngcwaba ke oonyana bakhe uEsawu noYakobi.