kwabaseGalati
6:1 Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya;
mbuyise onjalo ngomoya wobulali; uzilumkele wena, hleze
nawe ulinge.
6:2 Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu.
6:3 kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, engento;
uyazikhohlisa.
6:4 Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba nemihlali
kukwakhe yedwa, kungabi ngako wumbi.
6:5 kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
6:6 Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo
zonke izinto ezilungileyo.
6:7 Musani ukulahlekiswa; UThixo yena asingowokuhlekisa: kuba into athe wahlwayela yona umntu, yiyo leyo
uya kuvuna kwayona.
6:8 ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; kodwa
lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
6:9 Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo;
ukuba asityhafi.
6:10 Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke;
ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
6:11 Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.
6:12 Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela
Ukwaluka; hleze batshutshiswe ngenxa yabo
umnqamlezo kaKristu.
6:13 Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho; kodwa umnqweno
ukuba naluke, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.
6:14 Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu
uKristu, ekuthe ngaye ihlabathi labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.
6:15 Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka;
Ukungaluki ke, isidalwa esitsha.
6:16 Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo.
naphezu koSirayeli kaThixo.
6:17 Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna iimpawu zisemzimbeni wam
weNkosi uYesu.
6:18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.