kwabaseGalati 6:1 Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya; mbuyise onjalo ngomoya wobulali; uzilumkele wena, hleze nawe ulinge. 6:2 Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu. 6:3 kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, engento; uyazikhohlisa. 6:4 Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba nemihlali kukwakhe yedwa, kungabi ngako wumbi. 6:5 kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo. 6:6 Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo zonke izinto ezilungileyo. 6:7 Musani ukulahlekiswa; UThixo yena asingowokuhlekisa: kuba into athe wahlwayela yona umntu, yiyo leyo uya kuvuna kwayona. 6:8 ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; kodwa lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni. 6:9 Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo; ukuba asityhafi. 6:10 Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke; ngokukodwa ke kwabendlu yokholo. 6:11 Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla. 6:12 Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela Ukwaluka; hleze batshutshiswe ngenxa yabo umnqamlezo kaKristu. 6:13 Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho; kodwa umnqweno ukuba naluke, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama. 6:14 Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu uKristu, ekuthe ngaye ihlabathi labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni. 6:15 Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka; Ukungaluki ke, isidalwa esitsha. 6:16 Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo. naphezu koSirayeli kaThixo. 6:17 Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna iimpawu zisemzimbeni wam weNkosi uYesu. 6:18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.