Eyesi-2 kuTimoti 1:1 UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo idinga lobomi obukuKristu Yesu; 1:2 ubhalela uTimoti, unyana wam oyintanda; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo Bawo noKristu Yesu iNkosi yethu. 1:3 Ndiyabulela kuThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, kuba oko; 14 R Akwayeki kukukhumbula emithandazweni yam, ubusuku nemini; 1:4 ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndibekho ezaliswe luvuyo; 1:5 ndikhunjuzwa ukholo lwakho olungenakuhanahanisa, olukuwe wahlala kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike; kwaye ndinguye ndeyisekile nakuwe. 1:6 Kungoko ndikukhumbuzayo, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo. okukuwe ngokubekwa kwezandla zam. 1:7 Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; kodwa ngamandla, nothando, nangengqondo ephilileyo. 1:8 Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam umbanjwa wakhe; kodwa yiba nenxaxheba kwiimbandezelo zeendaba ezilungileyo ngokwamandla kaThixo; 1:9 owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, kungekhona ngokoko kodwa ngokwenjongo yakhe nangobabalo awalunikelayo thina sikuKristu Yesu kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, 1:10 kodwa ngoku yabonakaliswa ngokubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu. owakubhangisayo ukufa, wazisa ekukhanyeni ubomi nokungabhubhi ngevangeli: 1:11 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile nomfundisi wabo abeeNtlanga. 1:12 Kungoko ndide ndive ezi zinto nam; ngokuba ndiyamazi endikholiweyo nguye, kananjalo ndeyisekile ukuba ukho ndibe nako ukuyigcina into endiyibeke kuye, kwada kwaloo mini. 1:13 Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni nothando olukuKristu Yesu. 1:14 Loo nto ilungileyo uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi. 1:15 Oku uyakwazi, ukuba bakreqile bonke abaseAsiya mna; ekubo inguFigelo noHermogene. 1:16 INkosi mayiyenzele inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi ehlaziya andibanga nazintloni nguwo umxokelelwane wam. 1:17 Uthe ke akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, waza wandifumana mna. 1:18 Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Uyazi nawe ukuba zininzi kwazo izinto awalungiselela ngazo e-Efese kakuhle kakhulu.