Eyoku-1 kwabaseKorinte 10:1 Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba kwenzeka njani na ukuba ningazi Oobawo babephantsi kwalo ilifu, baluwela ulwandle bonke; 10:2 Babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle; 10:3 Badla bonke oko kudla kunye kukokomoya; 10:4 basela bonke olo luselo lunye lulolomoya; Iliwa lomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu. 10:5 Ke noko uThixo akakholiswanga ngabaninzi kubo; ngokuba babhukuqwa entlango. 10:6 Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki emva kwezinto ezimbi, njengoko bakhanukayo bona nabo. 10:7 Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, NguYe bahlala phantsi abantu, badla, basela, bavuka, badlala. 10:8 Masingahenyuzi, njengokuba inxenye yabo yenzayo, yaza yawa ngamini-nye amawaka angamashumi amabini anamathathu. 10:9 Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yamlinga kutshatyalaliswa iinyoka. 10:10 Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala umtshabalalisi. 10:11 Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zibhalelwe ukululeka thina aba bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. 10:12 Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi. 10:13 Anibanjwanga silingo singesesabantu, ingenguwo uThixo Uthembekile, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kwenu kwazi; owothi, kunye nesihendo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso unokukwazi ukuyinyamezela. 10:14 Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo. 10:15 Ndithetha njengakwizilumko; kugwebeni endikuthethayo. 10:16 Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane begazi; kaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asikuko ubudlelane bomzimba; kaKristu? 10:17 Kuba thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke singamadlelane kweso sonka sinye. 10:18 Khangelani amaSirayeli ngokwenyama; asingabo abo badla umbingelelo babelana ngesibingelelo na? 10:19 Ndithini na ke ngoko? ukuba isithixo siyinto na, nokuba lidini elinyukayo Ukubingelela kwizithixo kuyinto na? 10:20 Ndithi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwabingelela kwiidemon, kungekuThixo; andithandi ke ukuba nibe nako ubudlelane needemon. 10:21 Aninako ukusela indebe yeNkosi, nendebe yeedemon; aninako abanesabelo etafileni yeNkosi, nasesithebeni seedemon. 10:22 Siyayikhweletisa na iNkosi? Ngaba sinamandla kunaye? 10:23 Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke. 10:24 Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; 10:25 Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto; ngenxa yesazela: 10:26 Ngokuba lelikaYehova ihlabathi, nenzaliseko yalo. 10:27 Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthe wanimemela, nizohlwaye; Thogo; konke okubekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela. 10:28 Kodwa ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenziwa kwizithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo ukubonisileyo, nangenxa yesazela; umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo; 10:29 Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. inkululeko igwetyelwa isazela somnye umntu? 10:30 Kuba ukuba mna ndidlelana ngobabalo, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko? endiyibulelayo? 10:31 Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, yenzani izinto zonke kuni uzuko lukaThixo. 10:32 Musani ukubakhubekisani, nokuba kumaYuda, nakumaGrike, nakuni; ibandla likaThixo: 10:33 njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna ingenelo yabaninzi, ukuze basindiswe.