Eyoku-1 kwabaseKorinte 2:1 Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha; nokuba bubulumko, ndinibikela ubungqina bukaThixo. 2:2 Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Kristu, naye wabethelelwa emnqamlezweni. 2:3 Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu. 2:4 Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi alalanisayo bubulumko, kodwa bunokubonakaliswa koMoya nokwamandla; 2:5 ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo. 2:6 Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ingebubo ubulumko nokuba ngoweli hlabathi, nokuba ngababaphathi beli phakade, ababhangayo; 2:7 Sithetha ke ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo; awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wayimisela uzuko lwethu; 2:8 ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo; ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko. 2:9 kube njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ayibonwanga liso, nendlebe ayizivanga, ayizivanga; zangena entliziyweni yomntu, ezo uThixo azilungisele zona abo bamthandayo. 2:10 UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo. 2:11 Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu ukuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya uThixo. 2:12 Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; uphuma kuThixo; ukuze sizazi izinto esazibabalwa ngesisa uThixo. 2:13 esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi obulumko bamntu efundisayo, kodwa efundiswa nguMoya oyiNgcwele; sithelekisa izinto zomoya ngokomoya. 2:14 Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; Zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba zona ziphicothwa ngokoMoya. 2:15 Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe uphicothwa hayi ndoda. 2:16 Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Kodwa sinengqondo kaKristu.